Back to stories list

Indlela Iindlovu Ezafumana Ngayo Imiboko Emide Indlovu Eyayithanda Izinto Indlela Iindlovu Ezafumana Ngayo Imiboko Emide Curious Baby Elephant

Written by Judith Baker

Illustrated by Wiehan de Jager

Translated by Xolisa Guzula

Language Xhosa

Level Level 2

Narrate full story The audio for this story is currently not available.


Sonke siyayazi into yokuba indlovu inomboko omde.

Siyazi ukuthi indlovu inomboko omude.

Sonke siyayazi into yokuba indlovu inomboko omde.

Everyone knows that the elephant has a very long nose.


Kodwa kudala umboko wendlovu wawumfutshane kakhulu futhi utyebile okwesihlangu esibekwe ebusweni bayo. Wawuyimpumlo nje eqhelekileyo.

Emandulo umboko wendlovu wawumfishane. Wawubukeka kabi.

Kodwa kudala umboko wendlovu wawumfutshane kakhulu futhi utyebile okwesihlangu esibekwe ebusweni bayo. Wawuyimpumlo nje eqhelekileyo.

But a long time ago, the elephant’s nose was short and fat. Like a shoe in the middle of its face.


Ngenye imini kwazalwa ithole lendlovu. Lalinomdla ngayo yonke into. Lalisoloko linombuzo kwisilwanyana ngasinye.

Kwazalwa inkonyane eyayithanda izinto. Yayihlala inombuzo ngezinye izilwane.

Ngenye imini kwazalwa ithole lendlovu. Lalinomdla ngayo yonke into. Lalisoloko linombuzo kwisilwanyana ngasinye.

One day a baby elephant was born. She was curious about everything. She had a question for every animal.


Lalilangazelela ukwazi ngendlulamthi. “Kutheni unomqala omde?” labuza kwindlulamthi.

Yahlangana nendlulamithi. “Kungani unentamo ende?”

Lalilangazelela ukwazi ngendlulamthi. “Kutheni unomqala omde?” labuza kwindlulamthi.

She was curious about Giraffe. “Why do you have a long neck?” she asked.


Lalilangazelela ukwazi ngomkhombe. “Kutheni uneempondo ezitsolo?” Labuza kumkhombe.

Ngakusasa yahlangana nobhejane. “Kungani unophondo olucijile?”

Lalilangazelela ukwazi ngomkhombe. “Kutheni uneempondo ezitsolo?” Labuza kumkhombe.

She was curious about Rhino. “Why does your horn have a sharp point?”


Lalilangazelela ukwazi ngemvubu. “Kutheni unamehlo abomvu nje?” Labuza kwimvubu.

Yaphinde yahlangana nemvubu. “Kungani unamehlo abomvu?”

Lalilangazelela ukwazi ngemvubu. “Kutheni unamehlo abomvu nje?” Labuza kwimvubu.

She was curious about Hippo. “Why do you have red eyes?” she asked.


Kanti lalilangazelela KAKHULU ukwazi ngengwenya. ”Ingwenya itya ntoni ngesidlo sangokuhlwa?”

Ngoba yayithanda izinto, yafuna ukwazi ngengwenya. Ngabe ingwenya idlani ngesidlo sakusihlwa?

Kanti lalilangazelela KAKHULU ukwazi ngengwenya. ”Ingwenya itya ntoni ngesidlo sangokuhlwa?”

And she was VERY curious about Crocodile. “What does Crocodile eat for dinner?” she asked.


“Ungakulinge uphinde ubuze umbuzo onjalo!” watsho umama walo. Waze wahamba engatyhilekanga.

“Ungalokothi ubuze umbuzo onjalo!” kusho umama wayo. Yahamba inyukubele.

“Ungakulinge uphinde ubuze umbuzo onjalo!” watsho umama walo. Waze wahamba engatyhilekanga.

“Never ask a question like that!” said her mother. Then she walked off, frowning.


Kodwa ngokukhawuleza kwafika uNomyayi owayekrelekrele wathi, “Ndilandele siye emlanjeni. Apho uza kutsho ubone ukuba ingwenya itya ntoni ngesopholo.”

Ngokushesha igwababa landizela phansi, lahlala eduze kwendlovu. Lathi, “Ngilandele siye emfuleni, uzobona-ke ukuthi ingwenya idlani kusihlwa.”

Kodwa ngokukhawuleza kwafika uNomyayi owayekrelekrele wathi, “Ndilandele siye emlanjeni. Apho uza kutsho ubone ukuba ingwenya itya ntoni ngesopholo.”

Quickly Crow flew down to baby elephant. “Follow me to the river. There you will see what Crocodile eats for dinner,” squawked Crow.


Ngenene ithole lendlovu lalandela unomyayi ukuya emlanjeni.

Nangempela indlovu yalandela igwababa.

Ngenene ithole lendlovu lalandela unomyayi ukuya emlanjeni.

So the baby elephant followed Crow down to the river.


Lazinyanzela ezingcongolweni laze lema enyeleni yomlambo. Lajonga emanzini. Yayiphi ingwenya?

Indlovu yazimpintsha yangena emhlangeni yama osebeni lomfula. Iphi ingwenya pho?

Lazinyanzela ezingcongolweni laze lema enyeleni yomlambo. Lajonga emanzini. Yayiphi ingwenya?

She pushed through the reeds and stood on the bank. She looked into the water. Where was Crocodile?


“Molo,” kwatsho ilitye elalingakwinyele yomlambo. “Ewe,” laphendula ithole lendlovu. “Ungandichazela ukuba ingwenya itya ntoni ngesopholo?”

“Sawubona,” kusho itshe ngasosebeni lomfula. “Yebo,” kuphendula indlovu. “Ungangitshela ukuthi ingwenya idlani ngesidlo sakusihlwa?”

“Molo,” kwatsho ilitye elalingakwinyele yomlambo. “Ewe,” laphendula ithole lendlovu. “Ungandichazela ukuba ingwenya itya ntoni ngesopholo?”

“Hello,” said a stone near the river bank. “Hello,” said Baby Elephant. “Can you tell me what Crocodile eats for dinner?” she asked.


“Goba uze ezantsi ndizokukuxelela,” laphendula ilitye. “Yehla, yehla, kwakhona.” Ngenene ithole lendlovu lagoba, lehla, laphinda lehla laze.

“Lalela-ke, goba ngizokutshela,” kuphendula itshe. “Goba futhi, futhi,” kuqhubeka itshe. Nangempela indlovu yehlela phansi yaze.”

“Goba uze ezantsi ndizokukuxelela,” laphendula ilitye. “Yehla, yehla, kwakhona.” Ngenene ithole lendlovu lagoba, lehla, laphinda lehla laze.

“Bend down and I will tell you,” said the stone. “Lower, lower,” said the stone. So Baby Elephant bent down lower, and lower.


“Xhakamfu!” Impumlo yethole lendlovu yabe sele isezindlathini zengwenya. “Ingwenya iza kutya wena ngesopholo!” Wakhala watsho unomyayi.

“Ngqi!” Ikhala layo lase lise mhlathini wengwenya. “Helele! Izodla wena ingwenya ngesidlo sakusihlwa!” kutswininiza igwababa.

“Xhakamfu!” Impumlo yethole lendlovu yabe sele isezindlathini zengwenya. “Ingwenya iza kutya wena ngesopholo!” Wakhala watsho unomyayi.

Then suddenly, “Snap!” Baby Elephant’s nose was caught in Crocodile’s jaws. “Crocodile will eat you for dinner!” squawked Crow, and flew away.


Ithole lendlovu laxhathisa ngemilenze yalo yangemva eqinileyo, latsala, latsala, latsala. Kodwa ingwenya ayatsho ukuliyeka.

Indlovu yazabalaza ngemilenze yayo yangemuva eqinile, yadonsa, yadonsa, yadonsa. Ingwenya ayizange iyidedele. Ikhala lendlovu ladonseka, ladonseka, ladonseka. Dalakaxa! Yawa yashayeka ngomhlane odakeni.

Ithole lendlovu laxhathisa ngemilenze yalo yangemva eqinileyo, latsala, latsala, latsala. Kodwa ingwenya ayatsho ukuliyeka.

Baby Elephant sat back on her strong legs and pulled. She pulled, and pulled. But Crocodile did not let go of her nose.


Impumlo yethole lendlovu yanwebeka, yanwebeka, yanwebeka laze. “Dudlu!” lawa labetheka ngomqolo.

Tshobe ingwenya emanzini. “Ngaze ngaphuthelwa ukudla okumnandi!”

Impumlo yethole lendlovu yanwebeka, yanwebeka, yanwebeka laze. “Dudlu!” lawa labetheka ngomqolo.

Baby Elephant’s nose stretched, and stretched, and stretched. Then, “Thud!” she fell on her back.


Ngokudikwa kukuphuncukwa sisidlo, ingwenya yatshona phantsi kwamazi.

Indlovu yabheka umboko wayo. “Maye! Ikhala lami leli, elide kangaka?”

Ngokudikwa kukuphuncukwa sisidlo, ingwenya yatshona phantsi kwamazi.

Crocodile sunk back into the water. He was cross about losing his dinner.


Ithole lendlovu lajonga impumlo yalo. Kodwa lalingakwazi ukubona apho yayiphela khona!

Lalilide kangangoba lalikwazi ukufinyelela emagatsheni aphezulu esihlahleni.

Ithole lendlovu lajonga impumlo yalo. Kodwa lalingakwazi ukubona apho yayiphela khona!

Baby Elephant looked at her nose. It was stretched very long. She could not see where it ended!


Impumlo yalo yayinde kangangokuba yayinokukwazi ukukha iziqhamo emasebeni aphezulu emithi.

Indlovu kwayisiza lokhu. Yayisikwazi ukuzigeza umhlane wayo ngamanzi uma ilanga lishisa.

Impumlo yalo yayinde kangangokuba yayinokukwazi ukukha iziqhamo emasebeni aphezulu emithi.

Her nose was so long she could pick fruit from high branches.


Impumlo yalo yayinde kangangokuba yayinokukwazi nokuhlamba umqolo walo ngamanzi. Ukusukela ngaloo mini, zonke iindlovu zaba nemiboko emide eluncedo.

Kusukela ngalelo langa, zonke izindlovu zinemiboko emide elusizo kuzona.

Impumlo yalo yayinde kangangokuba yayinokukwazi nokuhlamba umqolo walo ngamanzi. Ukusukela ngaloo mini, zonke iindlovu zaba nemiboko emide eluncedo.

Her nose was so long she could shower her back with water. From that day, all elephants had long and useful trunks.


Written by: Judith Baker
Illustrated by: Wiehan de Jager
Translated by: Xolisa Guzula
Language: Xhosa
Level: Level 2
Source: Curious baby elephant from African Storybook
Creative Commons License
This work is licensed under a Creative Commons Attribution 3.0 International License.
Options
Back to stories list Download PDF