返回故事列表
UMagozwe
玛格威
Lesley Koyi
Wiehan de Jager
Kholeka Mabeta
本故事尚未有语音版。
Kwidolophukazi exakekileyo yaseNairobi,
kude le nekhaya elinenkathalo,
kwakuhlala iqela lamakhwenkwe
angenakhaya. Babejongana nosuku
ngalunye ngendlela oluze ngayo.
Ngantsasa ithile la makhwenkwe
ayesonga iingutyana zawo zokulala
emva kokulala kwipavumente ebandayo.
Babebasa umlilo ngenkukuma ukugxotha
ingqele.
Phakathi kwala makhwenkwe kwakukho
inkwenkwe egama linguMagozwe.
Wayengoyena umncinane kubo bonke.
在内罗毕这座繁忙的城市里,住着一群流浪的男孩,他们日复一日地活着,从来不知道什么是舒适安逸的生活。一天早上,男孩们从冰冷的人行道上醒来,把他们用来睡觉的毯子叠起来。天太冷了,为了驱赶寒气,他们用拾来的垃圾燃起了一堆火。在这群男孩中有一个人叫玛格威。
Abazali bakaMagozwe basweleka
eneminyaka emihlanu kuphela. Waya
kuhlala nomalume wakhe. Le ndoda
yayingayikhathalelanga le nkwenkwana.
Wayengamniki nditsho nokutya
okwaneleyo. Wayemsebenzisa
okwekhoboka.
玛格威的父母过世时,他只有五岁,他搬去跟叔叔一起生活。叔叔从来不关心玛格威。玛格威在叔叔家挨饿受冻,还要干很多体力活。
Umalume kaMagozwe wayembetha xa
ekhalaza okanye ebuza imibuzo. Xa
uMagozwe ebuza ukuba angaya na
esikolweni, umalume wakhe
wayembetha athi, “Usisidenge
esingenakufunda nto.”
Emva kweminyaka emithathu
yalempatho uMagozwe wabaleka
wamshiya umalume wakhe. Waya
kuhlala esitalatweni.
一旦玛格威稍有抱怨,叔叔就会对他拳打脚踢。有一次,玛格威问叔叔他能不能去上学,叔叔狠狠地打了他几下,说:“你这傻瓜,用得着上学吗?”玛格威过了三年这样的日子,终于离家出走,无家可归。
Babunzima ubomi basesitalatweni
kwaye la makhwenkwe etsala nzima
imihla ngemihla ukufumana ukutya.
Maxa wambi babebanjwa, maxa wambi
bebethwa. Xa begula kwakungekho mntu
wokubanceda.
Babexhomekeke kwimalana
ababeyifumana ngokungqiba, bethengisa
neeplastiki nenkukuma ephinda
isetyenziswe kwakhona.
Ubomi babubanzima kakhulu ngenxa
yemilo namanye amaqela awayefuna
ukulawula iingingqi ezithile
kulodolophukazi.
流浪生活非常艰辛,大多数男孩每天只能混个温饱。他们有时候会被抓起来,有时候会挨打。当他们生病的时候,没有人照顾他们。这群男孩就靠乞讨得来的一点点钱过活,他们有时候也会卖塑料品和旧货赚点钱。有时候别的流浪汉会来找茬,争夺领地,那时候生活就更艰难。
Ngenye imini uMagozwe wathi
ekhangela emigqomeni wafumana
incwadi endala yamabali. Wayivuthulula
wayifaka kwingxowana yakhe.
Wayeyikhupha mihla le abukele
imifanekiso ekuloo ncwadi.
Wayengakwazi ukufunda amagama.
有一天,玛格威正在翻垃圾箱,他找到了一本破旧不堪的故事书。他把书上的灰尘吹走,把书放进了袋子里。每天完工后,他会把书拿出来,翻着上面的图画,可惜他看不懂上面的文字。
Le mifanekiso yayibalisa
ngenkwenkwana eyakhula yaba
ngumqhubi weenqwelo-moya.
UMagozwe wayephupha ngokuba
ngumqhubi weenqwelo-moya. Maxa
wambi wayezibona eyile nkwenkwana
ikweli bali.
图画书讲的是一个男孩长大成为飞行员的故事。玛格威有时候会梦想自己成为一个飞行员。有时候,他想象着自己就是故事中的男孩。
Kwakubanda uMagozwe emi ecaleni
kwendlela engqiba. Kweza indoda kuye.
“Molo, ndinguThomas. Ndisebenza
kufutshane apha, kwindawo
onokufumana kuyo into etyiwayo,” yatsho
indoda.
Yakhomba kumzi otyheli onophahla
olubhlowu. “Ndiyathemba ukuba uyakuya
phaya uyokufumana ukutya?” yabuza.
UMagozwe wajonga kule ndoda,
wajonga kulo mzi. “Mhlawumbi,” watsho
waze wahamba.
有一天,天气很冷,玛格威站在街头乞讨。一个男人走过来,跟他打招呼:“你好,我叫托马斯。我在这儿附近工作,你可以到那儿拿点吃的。”他指着一座蓝顶黄墙的房子,“我希望你别客气,到那儿去拿点吃的吧!”玛格威看了看男人,又看了看房子,说:“可能吧!”然后他就走开了。
Kwiinyanga ezilandelayo la makhwenkwe
angenamakhaya aqhelana nokubona
uThomas. Wayekuthanda ukuthetha
nabantu, ingakumbi abantu abahlala
esitalatweni.
UThomas wayephulaphula amabali
angobomi babantu. Wayeqinisekile
kwaye enomonde kwaye engakhe
abekrwada okanye angabina ntlonipho.
Amanye amakhwenkwe aqalisa ukuya
kulendlu ityheli nabhlowu ukuya
kufumana isidlo sasemini.
接下来的几个月,流浪的男孩们渐渐认识了托马斯。他喜欢跟人聊天,特别是无家可归的人。托马斯听别人讲他们的故事。他不苟言笑,非常耐心、有礼貌,尊重他人。一些男孩开始在白天去蓝顶黄墙的房子里找吃的。
UMagozwe wayehleli kwipavumente
ebuka incwadi yakhe yemifanekiso
kwaze kwafika uThomas wahlala ecaleni
kwakhe.
“Ingaba lingantoni eli bali?” wabuza
uThomas.
“Lithetha ngenkwenkwana eyaba
ngumqhubi weenqwelo-moya,”
waphendula uMagozwe.
“Ngubani igama lalenkwenkwana?”
wabuza uThomas.
“Andilazi, andikwazi ukufunda,” watsho
uMagozwe ethethela phantsi.
有一天,玛格威正坐在人行道上看故事书,托马斯来了坐在他旁边。托马斯问:“这本书讲了什么故事?”玛格威回答说:“这是关于一个男孩成为飞行员的故事。”托马斯问:“男孩叫什么名字?”玛格威声音低了下去:“我不知道,我不识字。”
Ukudibana kwabo, uMagozwe waxelela
uThomas ngebali lakhe. Wamxelela
ngomalume wakhe nesizathu sokuba
abaleke.
UThomas wayengathethi kakhulu, kwaye
wayengamxeleli uMagozwe kuba enze
ntoni na, kodwa wayephulaphula
ngononophelo.
Maxa wambi babencokola ngeli lixa
besitya kwindlu enophahla olubhlowu.
当他们再次见面的时候,玛格威开始跟托马斯讲自己的故事,他的叔叔怎么对他,他怎么逃离了叔叔家。托马斯没说什么,也没有告诉玛格威该怎么做,但是他听得很仔细。有时候他们会一边在蓝顶黄墙的房子里吃东西,一边聊聊天。
Kufutshane nomhla wokuzalwa kaMagozwe egqiba iminyaka elishumi,
uThomas wamnika incwadi yamabali entsha. Yayithetha ngenkwenkwana
eyakhulela ezilalini eyakhula yaba ngumdlali webhola odumileyo.
UThomas wamfundela le ncwadi uMagozwe amaxa amaninzi waza wathi
ngenye imini, “Ndicinga ukuba kufuneka uye esikolweni ukwazi ukufunda.
Ucinga ntoni wena?”
UThomas wathi kukho indawo ayaziyo apho abantwana bavunyelwa ukuba
bahlale baye nasesikolweni.
玛格威十岁生日的时候,托马斯给了他一本新的故事书,这是关于一个乡下男孩成为足球运动员的故事。托马斯给玛格威讲过这个故事很多次。有一天,托马斯说:“我觉得你应该去上学,去识字。你觉得呢?”托马斯说他知道一个地方,孩子们可以住在那儿,上学。
UMagozwe wacinga ngalendawo intsha
nangokuya esikolweni. Mhlawumbi
umalume wakhe wayelungile xa esithi
usisidenge esinganakho ukufunda nto?
Angathini xa benokumbetha kulendawo
intsha. Wayesoyika.
“Mhlawumbi kungcono ahlale
esitalatweni,” wacinga ngolo hlobo.
玛格威想了想去新地方生活,上学。但是,如果他叔叔说得对,他太笨了上不了学怎么办?如果在新的地方,他又要挨打怎么办?他有点儿害怕,心想:“也许我注定就要睡在马路边。”
Waxelela uThomas ngoloyiko lwakhe.
Ekuhambeni kwexesha le ndoda
yamthembisa ukuba ubomi bunokuba
ngcono kulendawo intsha.
他把自己的想法告诉了托马斯。托马斯对他循循善诱,终于说服了玛格威,他在新地方一定会过上更好的生活。
Ngoko ke uMagozwe wafumana igumbi
lokuhlala kumzi onophahla oluluhlaza
namanye amakhwenkwe amabini.
Babelishumi bebonke abantwana
ababehlala kweli khaya. Kwakukho
noMama uCissy nomyeni wakhe, izinja
ezintathu, ikati kunye nebhokhwe endala.
玛格威搬到了新家,新家的屋顶是绿色的。他和两个男孩住一间房间。屋子里还住着其他十个孩子。和他们住在一起的是茜茜阿姨和她的丈夫,还有三只狗,一只猫,一头老山羊。
UMagozwe waqala isikolo kwaye
kwakunzima. Wayesemva ngomsebenzi
omninzi kakhulu.
Maxa wambi wayefuna ukunikezela.
Kodwa wayecinga ngomqhubi
weenqwelo-ntaka kunye nomdlali
webhola awayefunda ngabo kwiincwadi
zakhe zamabali. Wayenganikezeli efana
nabo.
玛格威开始读书,他遇到了不少困难,很难赶上他的同学们,有时候他差点就要放弃了。但他每次想起故事书里的飞行员和足球运动员,他都坚持了下来,就像他们一样。
UMagozwe wayehleli eyadini kwindlu
enophahla oluluhlaza efunda incwadi
yamabali yasesikolweni. UThomas weza
kuhlala ecaleni kwakhe.
“Lingantoni eli bali?” wabuza uThomas.
“Limalunga nenkwenkwana eyaba
nguTitshala,” waphendula uMagozwe.
“Ngubani igama lalenkwenkwana?”
wabuza uThomas.
“Igama layo nguMagozwe,” waphendula
enoncumo uMagozwe.
有一天,玛格威正在屋子后院里看书,托马斯来了,坐在他旁边:“这本书讲了什么故事?”玛格威回答说:“这是关于一个男孩变成老师的故事。”托马斯问:“那个男孩叫什么名字?”玛格威咧嘴一笑:“他叫玛格威。”
作者: Lesley Koyi
插图: Wiehan de Jager
译文: Kholeka Mabeta