下载 PDF
返回故事列表

UNkukhu noSongololo 鸡和千足虫

作者 Winny Asara

插图 Magriet Brink

译文 Bukiwe Tiyane

语言 科萨语

级别 3级

将整故事念出来 本故事尚未有语音版。


UNkukhu noSongololo babengabahlobo. Kodwa babesoloko bekhuphisana. Ngenye imini bagqiba ekubeni badlale ibhola ukuze babone ukuba ngubani umdlali ogqwesileyo.

鸡和千足虫是好朋友,但是它们又互相竞争。有一天,它们决定进行一场足球比赛,看看谁是最棒的球员。


Baya ebaleni lebhola baqalisa umdlalo. UNkukhu wayekhawuleza kodwa uSongololo wayekhawuleza kakhulu. UNkukhu wayekhabela kude, kodwa uSongololo wayekhabela kude kakhulu. UNkukhu waqalisa ukubanengcwangu.

它们去了球场,开始比赛。鸡跑得飞快,但是千足虫跑得更快。鸡把球踢得很远,但是千足虫踢得更远。鸡开始有点闷闷不乐。


Bagqiba ekubeni badlale ipenalthi. Okokuqala uSongololo wayengunozinti. UNkukhu wafaka inqaku lalinye kuphela. Emva koko yabalityeli likaNkukhu lokubangunozinti.

最后,它们决定来一场点球大战。第一轮中,千足虫当守门员,鸡只拿到了一分。然后,在第二轮中,鸡做守门员。


USongololo wayikhaba ibhola yangena emnatheni. USongololo waphinyaphinyeza ibhola yangena emnatheni. USongololo wangquba ibhola ngentloko yangena emnatheni. USongololo wafaka amanqaku amahlanu.

千足虫猛地一踢,球进了。千足虫运球飞快,又进了一球。千足虫跳起来,打了个头球,又得了一分。千足虫一共得了五分。


UNkukhu wayelugcwabevu ngumsindo wokuba engaphumelelanga. Wayengumntu ongafuni ukwamkela ukohlulwa. USongololo waqala ukuhleka ukuba umhlobo wakhe ade abenomsindo ongako.

鸡输了,它很生气。千足虫哈哈大笑,因为它的朋友输了球,就无理取闹。


UNkukhu wayecaphuka kakhulu wade wavula umlomo wakhe kakhulu waze waginya uSongololo.

鸡生气极了,它张开嘴,一口把千足虫吞了下去。


Njengokuba uNkukhu wayegoduka, wadibana noMama uSongololo. UMama uSongololo wabuza, “Ubukhe wambona umntwana wam?” UNkukhu zange athethe kwanto. UMama uSongololo wayexhalabile.

鸡回家的路上,遇到了千足虫妈妈。千足虫妈妈问它:“你看见我的孩子了吗?”鸡什么都没说,千足虫妈妈很担心。


Emva koko uMama uSongololo weva ilizwi elincinci. “Ndincede mama!” lakhala ilizwi. UMama uSongololo walaqaza ebhekabheka waze wamamelo ngononophelo. Ilizwi lalisuka ngaphakathi enkukhwini.

千足虫妈妈突然听到了一阵微弱的声音:“快帮我,妈妈!”千足虫妈妈看了看周围,仔细地听着,声音是从鸡身体里传出来的。


UMama uSongololo wakhwaza, “Sebenzisa amandla wakho akhethekileyo mntwana wam!” Amasongololo ayakwazi ukwenza ivumba elinuka kakubi nelingcamleka kakubi. UNkukhu waqalisa ukuziva engaphilanga.

千足虫妈妈大喊道:“快用你神奇的能力!”千足虫会产生一种很难闻的味道,会让鸡觉得很恶心。


UNkukhu wabhodla. Emva koko waginya waze wathufa. Wathimla waze wakhohlela. Wakhohlela. Isongololo lalisonyanyeka!

鸡打了一个嗝,咕噜咕噜要吐了,又是打喷嚏又是咳嗽。千足虫太恶心了!


UNkukhu wakhohlela de wakhohlela kwaphuma isongololo ebelisesiswini sakhe. UMama uSongololo nomntwana wakhe barhubuluza banyuka umthi ukuze bazimele.

鸡不停地咳嗽,直到把千足虫从胃里咳了出来。千足虫妈妈和孩子赶紧爬上树,藏了起来。


Ukusukela ngelo xesha, iinkukhu namasongololo ziziintshaba.

从此以后,鸡和千足虫就变成了敌人。


作者: Winny Asara
插图: Magriet Brink
译文: Bukiwe Tiyane
语言: 科萨语
级别: 3级
出处: 原文来自非洲故事书Chicken and Millipede
共享创意授权条款
本着作系采用共享创意 署名 3.0 未本地化版本授权条款授权。
选项
返回故事列表 下载 PDF