Lo nguPalesa. Uneminyaka esixhenxe ubudala. Igama lakhe lithetha ukuthi ‘intyatyambo’ kulwimi lwakhe iSetswana.
这是卡莱。她今年七岁。在肯尼亚当地方言里,这个名字是“美好事物”的意思。
UPalesa uyavuka athethe nomthi weeorenji. “Nceda mthi weeorenji, khula ube mkhulu usinike amaorenji amaninzi avuthiweyo.”
卡莱早上醒来,跟橙子树说:“橙子树啊橙子树,快点长大吧,给我们结好多又大又甜的橙子!”
UPalesa uhamba ngeenyawo ukuya esikolweni. Endleleni uthetha nengca. “Nceda ngca, yiba luhlaza kakhulu ungomi.”
在卡莱走路去上学的路上,她对草地说:“草地啊草地,你一定要长得绿油油的,别干枯了。”
UPalesa udlula kwiintyatyambo zasendle. “Ncedani zintyatyambo, qhamani ukuze ndihombise ngani iinwele zam.”
卡莱路过了野花,她对野花说:“野花啊野花,你们尽情地开放吧,这样我可以把你们夹在我的头发里。”
Esikolweni uPalesa uthetha nomthi osembindini wesakhiwo. “Nceda mthi, khupha amasebe amakhulu ukwenzela sifundele phantsi komthunzi.”
在学校,卡莱对操场中间的树说:“小树啊小树,快点长出枝叶吧,这样我们就可以在树荫里读书了。”
UPalesa uthetha nemithi yokubiyela ejikeleze isikolo sakhe. “Nceda ukhule womelele, unqande abantu abakhohlakeleyo bangangeni.”
卡莱还对学校附近的灌木丛说:“灌木啊灌木,你们一定要长得壮壮的,这样坏人就进不了学校了。”
Xa uPalesa ebuyela ekhaya esuka esikolweni, undwendwela umthi weeorenji. “Ingaba awakavuthwa amaorenji wakho?” uyabuza uPalesa.
当卡莱从学校回到家里,她又去看了看橙子树,问它:“你结橙子了吗?”
“Amaorenji aseluhlaza,” wanesingqala uPalesa. “Ndiyakukubona ngomso mthi weeorenji,” watsho uPalesa. “Mhlawumbi uyakube sele unalo iorenji elivuthiweyo lam.”
卡莱叹了一口气:“橙子还是绿色的,我明天再来看看你吧!或许到了明天你就会给我一只又大又甜的橙子了。”