Ilali yam yayineengxaki eziniinzi. Sasisenza umgca omde siyokukha amanzi etephini enye.
我的村庄面临很多问题。村里只有一个水龙头,我们每天都要排很长的队伍去接水。
Sasilinda ukutya esikuphiwa ngabanye.
我们等着别人接济食物给我们吃。
Sasizitshixa kwangethuba izindlu zethu ngenxa yamasela.
每天晚上,我们因为害怕有小偷,所以都早早地锁上了门。
Abantwana abaninzi basiyeka isikolo.
中途辍学的孩子也不少。
Amantombazana ayesebenza njengezicakakazi kwezinye iilali.
年轻的女孩被迫到别的村庄去做女佣。
Amakhwenkwe ayezulazula elalini ngelixa abanye besebenza kwiifama zabantu.
年轻的男孩不是成天在村子里游荡,就是到别人的农场里打工。
Xa umoya uvuthuza, amaphepha alahliweyo ayehlala emithini nasemacingweni.
起风的时候,废纸到处乱飞,挂在树梢和篱笆上。
Abantu babesikwa ziiglasi ezophukileyo ezalahlwa ngokungakhathali.
碎玻璃扔得到处都是,很多人都被碎玻璃划伤了。
Ngenye imini, ithephu yoma nko kwaye izikhongozeli zethu zazingenanto.
终于有一天,水龙头干涸了,人们接不到水了。
Utata wam wahamba umzi nomzi ecela abantu baye entlanganisweni yelali.
我的爸爸一家一家地劝说,召集村里的居民们开会。
Abantu badibana phantsi komthi omkhulu bamamela.
人们聚到一棵大树下,准备开会。
Utata wam waphakama wathi, “Kufuneka sisebenzisane ukusombulula iingxaki zethu.”
我爸爸站起来,说:“我们必须团结起来,一起解决我们的问题。”
UJuma oneminyaka esibhozo ubudala, ehleli esiqobeni somthi wakhwaza wathi, “Ndingancedisa ekucoceni”.
八岁的珠玛坐在树干上,大声说:“我可以帮忙清理村庄。”
Elinye ibhinqa lathi, “Amabhinqa angangena kum silime ukutya.”
一个女人站起来说:“我可以找一些妇女,一起种庄稼。”
Enye indoda yaphakama yathi, “Amadoda aza kwemba iqula.”
又有一个男人站起来说:“男人们可以帮着打井。”
Sakhwaza sonke ngelizwi elinye, “Kumele sitshintshe ubomi bethu.” Ukusukela ngaloo mini sasebenzisana ukusombulula iingxaki zethu.
我们异口同声地说:“我们必须改变我们的生活。”从那天开始,大伙儿都齐心协力,解决问题。