Kudala dala abantu babengazi kwanto.
Babengazi ukuba zityalwa njani izityalo, okanye olukwa njani amalaphu, okanye zenziwa njani izixhobo zeentsimbi. Uthixo uNyame phezulu esibhakabhakeni wayenabo bonke ubulumko behlabathi. Wayebugcine bukhuselekile embizeni yodongwe.
很久很久以前,人们什么都不知道。
他们不知道怎么耕田织布,也不知道怎么制造铁器。
天上的尼亚美神把世界所有的智慧都藏在一个砂锅里面。
Ngenye imini, uNyame wagqiba ekubeni le mbiza yobulumko uza kuyinika uAnansi.
Ngalo lonke ixesha uAnansi ejonga embizeni yodongwe, wayefunda into entsha.
Kwakuvuyisa kakhulu!
有一天,尼亚美决定把藏有智慧的砂锅交给蜘蛛神阿南西。
每当阿南西揭开砂锅往里看,他就会学到新的东西。他感到很兴奋!
UAnansi ongoneliyo wacinga, “Ndiza kuyigcina ikhuselekile imbiza phezu komthi omde. Emva koko ibeyeyam ndedwa!” Wasonta umsonto omde, wawujijela embizeni yodongwe wawubophelela esiswini sakhe. Waqalisa ukunyuka umthi. Kodwa kwakunzima ukunyuka umthi kukho imbiza embetha emadolweni oko.
贪心的阿南西跟自己说,
“我把砂锅安放在树顶上,那样所有的智慧就都只属于我了!”
所以,他织出了一条长长的丝线,把砂锅牢牢地拴住,然后把丝线的另一端系在自己的肚子上。
他开始往那棵树上爬,
可是砂锅总是撞到他的腿,爬起来很辛苦。
Ngalo lonke elo xesha unyana omncinane kaAnansi wayemi phantsi komthi ebukele. Wathi, “Bekungayi kubalula ukunyuka ukuba imbiza ubuyibophelele emqolo?” UAnansi wazama ukubophelela imbiza yodongwe egcwele bubulumko emqolo, ngokwenene kwabalula kakhulu.
阿南西的儿子在树底下看到了一切。
他跟阿南西说,“把砂锅扛在背上不就容易了吗?”
于是阿南西就试着把砂锅扛在背上,果然容易很多。
Ngexesha elingephi wafika encotsheni yomthi. Kodwa wama wacinga, “Kumele ukuba ndim onabo bonke ubulumko, naku unyana wam ekrelekrele kunam!” UAnansi wayenomsindo kakhulu ngale nto kangangokuba wayilahlela phantsi imbiza yodongwe yawa emthini.
阿南西很快就爬到树顶上。
可是他突然想到一个问题:
“拥有所有智慧的人应该是我,可是刚才我儿子居然比我还聪明!”
阿南西气得差点跳起来了,一气之下竟把砂锅扔到树下。
Yophuka yazingceba emhlabeni. Ubulumko bafunyanwa ngumntu wonke. Yaye leyo yindlela abantu abafunda ngayo ukulima, ukoluka amalaphu, ukwenza izixhobo zeentsimbi, nazo zonke ezinye izinto abantu abakwaziyo ukuzenza.
砂锅一落地就碎成小片。
砂锅碎了,所有的智慧也跑了出来,大家可以自由分享了。
就是这样,世上的人们才学会如何耕田、如何织布,如何打铁做铁器,还有所有现在人会做的一切。